Ingqiqa Buntlola
This ebook may not meet accessibility standards and may not be fully compatible with assistive technologies.
Le ncwadi ibhalwe nguLivenathi Marambana, umfundi wezoLawulo LwezeMpilo kwiDyunivesithi yaseOrdu. Oku kukubonelela ngolwazi olusisiseko lweNgqiqa Buntlola(AI) kunye nendlela edlala ngayo indima ebalulekileyo kubomi bethu bemihla ngemihla. Njengesithethi solwimi lwesiXhosa nanjengamfundi obuxabisileyo ubuchwepheshe, bendisoloko ndichukunyiswa kukunqongophala kokufumaneka kwesigama sobuchule kulwimi lwam. Lo msantsa undikhuthaze ukuba ndiphonononge iindlela zokusondeza isiXhosa kwindawo ephambili kwiincoko zobuchwepheshe behlabathi.
Ngaphezu koko, le ncwadi ilinge ukuvala loo msantsa ngokwazisa amagama amatsha esiXhosa nokubonisa ukusetyenziswa kwawo kumacandelo afana nobukrelekrele bokwenziwa(Ingqiqa Buntlola) kunye ne-Intanethi Yezinto. Yenzelwe abafundisi-ntsapho, abafundi, naye nabani na onomdla wokugcina nokuqhubela phambili ulwimi lwethu olumnandi.
Ndiyathemba ukuba le ncwadi iyabakhuthaza abanye ukuba baqhubeke nomsebenzi wokwandisa isiXhosa kuyo yonke indawo yolwazi. Ndibabulela ngokusuk’ entliziyweni bonke abo abathe bandixhasa kolu hambo.
Details
- Publication Date
- Jan 3, 2025
- Language
- Xhosa
- Category
- Education & Language
- Copyright
- All Rights Reserved - Standard Copyright License
- Contributors
- By (author): Livenathi Marambana
Specifications
- Format
- EPUB