MASIBUYEL'EMBO MAWETHU

MASIBUYEL'EMBO MAWETHU

ByLwando Dlephu

This ebook may not meet accessibility standards and may not be fully compatible with assistive technologies.
Lide lafika elo xesha belikade lixelwa mawethu, yade yavuthwa le mbiza ebikade ibhayelwa. Namntu onothando nentshisekelo yemibongo ulungiselelwe, izangotshe zolwimi zikho nazo ukukhulisa ulwimi lwethu lweenkobe. Intle incwadi yethu iteketeke, namntu wosika eqatheni nasesihlunwini. Le ncwadi iqulethe imibong engaphaya kwamashumi amane, kwaye usiba lona lusetyenzisiwe inene. Sivula ngombongo osihloko “ALKEBU-LAN” oveza intlungu abantu bamazwe abajongana nayo xa betyelele ezinye izizwe zale-Afrika yethu. Ikho nemibongo esikhumbuza ngentlalo ntle eyayikho endulo. Sifumana nombongo osekelwe kwisihloko sencwadi esithi “ Masibuyel” embo mawethu” kulo mbongo siyakhumbuzana ngezinto ebezikho endulo ezingasekho ngoku. Ukungabikho ke kwazo bathi abanye intuthuko, kodwa zisibulele thina ndlu emnyama ezizinto kuba zilulutho kuthi noxa sichasela thina kuzo. Ndihlaba elo khwelo ke kwisizwe, kuba ndibona iingxaki esijongene nazo kule mihla ukuba zingena ngaloo mnyango. Koluluhlu lwale mibongo imnandi kangaka, sihamba sivale ngombongo osisihloko sithi “Thixo ulithemba lam” kulo mbongo ndibuyisela abantu kwindlela zokulunga. Ndithi kubo uyeza umhla uphela, kuhle ke silungise ukwenza kwethu ukuze sizibone intshapho zethu kwelizayo kuba lona likho elo lizwe lingcwele okungangeni sono kuso. Ewe ke thina bantu asikho ngcwele kweli leenkobe, kodwa masingade sigabadele ngokubi ukuze uMenzi abe nakho ukusithethelela kwelizayo. Kubondwe kangako ke mawethu, ndicela nize niyamkele ngezandla ezishushu le ncwadi. Ndikwacela nenkxaso yenu ngeyonandlela inkulu. Mandisithele kemna sizukulwana sikaZibomvu. Maz’ enethole.

Details

Publication Date
Feb 7, 2025
Language
Xhosa
ISBN
9781037040092
Category
Poetry
Copyright
All Rights Reserved - Standard Copyright License
Contributors
By (author): Lwando Dlephu

Specifications

Format
PDF

Ratings & Reviews